AMALUNGELO AKHO OKUSINGQONGILEYO
Kutheni okusingqongileyo kubalulekile kuthi?
Xa sithetha ngokusingqongileyo, sithetha ngako konke okusijikelezileyo, sibandakanya umhlaba, amanzi, umoya ojikeleza umhlaba, iindawo ezizodwa ezibalulekileyo, ubomi bezityalo nezilwanyana eziphembelela ubomi bomntu kunye nempilo.
Okusingqongileyo kusichukumisa sonke. Sonke sifuna okusingqongileyo okunempilo nokukhuselekileyo, nto leyo ethetha ukuthi umoya ococekileyo namanzi, iindawo ezikhuselekileyo zokuhlala, nokutya okwaneleyo nokunempilo. Xa okusingqongileyo kwethu kuhlaziswa ngenxa yokungcoliseka nayinkunkuma, iyasichukumisa xa sisonke, sishiyeka nezifo. Abantu ngabona banokwenzakala!
Sonke siyazama ukuphucula ubomi obungcono ? ngoku nakwixesha elizayo. Sonke sifuna abantwana bethu babe namathuba angcono okuphila impilo nobomi obumnandi. Ngenxa yoko sifuna uphuhliso loqoqosho, ubulungisa ekuhlaleni nokusingqongileyo okugcinwe kusempilweni.
Ekuziqhelaniseni oku kuthetha ukuba:
impilo yethu yemihla ngemihla nemisebenzi yokusingqongileyo mayiphuculwe wonke umntu funeka abenendlela elinganayo emhlabeni nakubutyebi bendalo fanele sisebenzise intlalo yethu, inkcubeko kwakunye nobutyebi bendalo ngendlela egcinakeleyo fanele sikhuthaze uthatho nxaxheba nguwonke wonke kwizigqibo zokuba kungasetyenziswa njani okusingqongileyo.
Umgaqo ?siseko
Umgaqo ?siseko welizwe uthembisa amalungelo oluntu asisiseko yaye unikeza imithetho ?siseko ekhokelayo eluntwini. Amalungelo kwakunye neemfanelo kumgaqo ?siseko fanel? ukuba ngawomntu ngamnye kunye nebandla eMzantsi Afrika. Sinethamsanqa eMzantsi Afrika, kuba ngokungafaniyo namanye amazwe amaninzi, umgaqo ?siseko wethu unakana into yokuba okusingqongileyo okunempilo lilungelo lomntu olusisiseko.
Amalungelo oluntu asisiseko abanentsingiselo kuphela xa sithe sawamkela sisonke ukuba fanele sisebenzele ngasekuwenzeni abeyimpumelelo. Kwelinye icala ithethe ukuthi urhulumente makalandele imithetho ?siseko ebekiweyo kumgaqo ?siseko. Abemi namabandla, kwelinye icala, fanele bafune ukuba amalungelo abo ahlonitshiwe yaye abonise ukuba bathabatha iimfanelo eziza namalungelo.
Ukuba amalungelo akho awahlonitshwanga, unga?
faka ityala enkundleni, khalaza kwiKhomishoni yamaLungelo oluNtu, khalaza kumKhuseli kaWonke wonke, ukuba urhulumente uthembekile.
Ngawaphi amalungelo akho okusingqongileyo kumgaqo ?siseko?
Umgaqo ?siseko umela ilungelo lakho kwi?
Okusingqongileyo okungenankathazo empilweni yakho okanye ekuphileni iCandelo 24 a
Wonke ubani unalo eli lungelo lisisiseko, kwaye wonke ubani angathabatha amanyathelo asemthethweni ukukhusela eli lungelo.
YIBA NOKUSINGQONGILEYO OKUKHUSELEKILEYO iCandelo 24 b
Urhulumente fanele avumelane nelungelo lomgaqo ?siseko ukuba abe nokusingqongileyo okukhuselekileyo ngokuthabatha amanyathelo akhuselekileyo.
Urhulumente makenze imithetho enqanda ungcoliseko lomoya nolonzakaliso lokusingqongileyo, aphucule ulondolozo, alungelelanise uqoqosho,aphuhlise intlalo nokusingqongileyo. Urhulumente makaqinisekise ukuba imilinganiselo eqingqiweyo iyathatyathwa ukukhusela okusingqongileyo ngokuchasene nemisebenzi eyonakalisayo enokuza nophuhliso lwentlalo noqoqosho, nokuba uphuhliso lwentlalo noqoqosho luyafuneka.
Urhulumente wenze imithetho emitsha ukukhusela okusingqongileyo. Ukususela ngo -1998, umThetho omtsha kaZwelonke waManzi, umThetho kaZwelonke wamaHlathi, umThetho woButyebi bezinto eziPhila eLwandle kwakunye nomThetho kaZwelonke woLawulo lokusiNgqongileyo yapasiswa. Imithetho emitsha emhlabeni, kwizimbiwa,kumoya ococekileyo, kungcoliso lomoya nolawulo lenkunkuma nayo iyaphuhliswa.
UBULUNGISA NEMILINGANISELO EYODWA UKOYISA UCALULO OLUNGALUNGANGA (iCandelo 9)
Ucalulo olungalunganga luthintela abanye abantu yaye basebenza kwindawo ezisingqongileyo ezingenampilo. Wonke ubani unelungelo kwinkqubo yokunikeza amathuba kwabo bebehlelelekile nokuyimfuneko ukuqinisekisa ubulungisa kokusingqongileyo.
ULAWULO LOBULUNGISA (iCandelo 33)
Wonke ubani unelungelo kwisigqibo esilungileyo esenziwa ngurhulumente, phulaphula kwimicimbi yabantu phambi kokuthatha izigqibo, nika izizathu ezilungileyo unikeze ngezisombululo kwiyantlukwano ngenkundla ezimeleyo.
UKUQONDWA KOKUXHASWA KWENKQUBELA ?PHAMBILI KWAMALUNGELO OLUNTU ASISISEKO
iCandelo 7
Onke amalungelo kumQulu waMalungelo oluntu fanele ahlonitshwe akhuselwe. Ukuba amalungelo awanakuzalisekiswa ngokukhawuleza, amanyathelo mawathathwe ukukhuthaza amalungelo nokuzuza ukuqondwa kokuxhaswa kwenkqubela ?phambili.
UNGCOLISEKO LOMOYA LUYABULALA!!
SIFUNA OKUSINGQONGILEYO OKUCOCEKILEYO
ABASEBENZI BAYAMANYANA NGOKUCHASENE NOKUNGAKHATHALELI ?.
INKUNKUMA ENETYHEFU IBULALA UMHLABA WETHU
SINDISA IPLANETHI ULUNGISELELE ABANTWANA BETHU
Umzekelo wokuba ungaziqhelanisa njani namalungelo akho okusingqongileyo.
Lo mzekelo ulandelayo ucacisa ukusetyenziswa kwelungelo ku:
lufuna ukuba okusingqongileyo kukhathalelwe alufuni kwenza umsebenzi onobungozi kokusingqongileyo, xela imisebenzi enobungozi kokusingqongileyo
Masicinge umzekelo wequmrhu elikhulu elithengisa ichiza eliobungozi elisetyenziswa ngamafama amancinci okanye ishishini. Ukusetyenziswa kwale nto kubangela umonakalo kokusingqongileyo, apho urhulumente kufuneka acoce.
Ngokwe-NEMA, nabani na unelungelo lokufuna ukuba okusingqongileyo kukhathalelwe. Kulo mzekelo, oku kuthetha ukuba iqumrhu elikhulu fanele lithabathe imilinganiselo yengqiqo ukunqanda okanye ukunciphisa umonakalo osuka ekusetyenzisweni kwale nto ngamafama okanye amashishini ayisebenzisayo. Isizathu soku kukuba iqumrhu elikhulu linako ukubona iingozi kwaye lisebenze ngokuthembekileyo.
Phantsi komthetho wethu ongabhalwanga, imfanelo yequmrhu ayicacanga. Le nto ingakhokhelela kwiqumrhu elikhulu libaleka umsebenzi walo womthetho. I ?NEMA iyitshintshe yonke le nto ? naliphi na ilungu likawonke wonke lingenza isicelo senkundla ukuyalela ilungelo ukufuna ukuba okusingqongileyo kukhathalelwe.
Ukuba omnye wabasebenzi fama usebenzisa izinto ezinobungozi kwaye ukholelwa nyani ukuba ingcungcuthekisa ngokuxhalabisekileyo okusingqongileyo, unalo ilungelo lokwala ukwenza loo msebenzi. I ? NEMA ikhusela abasebenzi yaye ithi abanakuxoxiswa okanye bohlwaywe ngokwala ukwenza umsebenzi onobungozi.
I ?NEMA ikwanika abasebenzi ilungelo lokuxela ubungozi bokusingqongileyo kwisebe likarhulumente okanye iPalamente ngaphandle kokoyika ukohlwaywa, hlaselwa okanye ukugxothwa.
ISebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho
IKhomishoni yamaLungelo oluNtu
MPUMALANGA
ISebe loLimo, uLondolozo nokusiNgqongileyo
ISebe lemiCimbi yoQoqosho, okusiNgqongileyo noKhenketho
ISebe loKhenketho, okusiNgqongileyo nemiCimbi yoQoqosho
ISebe loLimo, nemiCimbi yokusiNgqongileyo
ISebe lezeMali, imiCimbi yoQoqosho, uKhenketho nokusiNgqongileyo
UMNTLA NTSHONA
ISebe loLimo, uLondolozo nokusiNgqongileyo
IRhawuti
ISebe loLimo, uLondolozo, okusiNgqongileyo nemiCimbi yoMhlaba
INTSHONA KOLONI
ISebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noPhuhliso loYilo
UMNTLA KOLONI
ISebe loLimo loHlaziyo Mhlaba, uLondolozo nokusiNgqongileyo
Isebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho
Iyilwe liCandelo loMlawuli ?Jikelele: Ulwakhiwo-sikhundla lokusiNgqongileyo
UmThetho woLawulo kaZwelonke kokusiNgqongileyo
Ukongeza kumgaqo ?siseko, sikwanayo nemithetho eyodwa yokusingqongileyo eMzantsi Afrika, UmThetho ka-1998 kaZwelonke kokusiNgqongileyo (NEMA). Lo mThetho ulandela umthetho-siseko womgaqo ?siseko kwaye unika inkcukacha kumalungelo omgaqo ?siseko.
UNELUNGELO KUPHUHLISO OLUGCINIWEYO (ICandelo 2)
Sonke sinelungelo kuphuhliso olugciniweyo. Ngoko ke izinto ezibalulekileyo zokusingqongileyo fanele ziqondwe phambi kokuba kuthathwe izigqibo zophuhliso. Wonke umntu unelungelo ukuba urhulumente uza kwenza izigqibo zengqondo ezichaza iimfuno zabantu ukuqinisekisa ukuba uphuhliso lugcinwe ekuhlaleni, kokusingqongileyo nakuqoqosho.
Iimeko zokusingqongileyo emazithathelwe ingqalelo zibandakanya:
ukungaphazamisani ne-ekhosistimu kwakunye nezinto zenkcubeko ungangcolisi umoya wenze inkcitha ngobutyebi fanele uthembeke kwaye ulumke xa usebenzisa ubutyebi ukuba iziphumo ziyathandabuzeka.
Ukuthanda ukuhlala kunye, uqoqosho nemisebenzi yongquzulwano lokusingqongileyo fanele iqondwe yaye abantu abachaphazelekayo fanele kudliwanwe indlebe nabo phambi kokuba isigqibo senziwe.
ILUNGELO LOKUTHABATHA INXAXHEBA KWISISOMBULULO SOKUPHIKISANA (Isahluko 4)
Ukuba kukho ukuphikisana ngokusingqongileyo, nabani na angacela umthathi ?sigqibo onyule umntu ozimeleyo aphonononge umcimbi ahlalele iintlanganiso apho zonke iingxoxo namanqaku anokuvakala.
ILUNGELO LOKWALA UKWENZA UMSEBENZI OYINGOZI (iCandelo 29)
Umsebenzi akanakukhathazwa okanye ohlwayelwe ukwala ukwenza umsebenzi akholelwa umsebenzi ukuba ingangowangoku okanye oyingozi kakhulu kokusingqongileyo.
IMFANELO YOKUNIKA INGXELO NGENGOZI, INGAKUMBI IINGOZI ZOKUSINGQONGILEYO (iCandelo 31)
Umsebenzi akanakukhathazwa okanye ohlwayelwe uxela into akholelwa kuyo ukuba inengozi kokusingqongileyo kugunyaziso lukawonke wonke okanye kumdla kawonke wonke.
ILUNGELO KULWAZI (iCandelo 31)
Urhulumente angafumana ulwazi oluyimfuneko ukuzalisekisa iimfanelo zokusingqongileyo nalo naliphi na ilungu likawonke wonke elinokuza nolwazi olunjalo oluvela kurhulumente nanjengoko ikumdla kawonke wonke.
Oku kuthetha ukuba abo bathembakeleyo kwizisongelo kokusingqongileyo, izinto eziphuma emhlabeni, amanzi okanye umoya okanye ukujongana nenkunkuma eyingozi kuphantsi kwemfanelo ukunika ingxelo kuzo.
ILUNGELO LOKUFUNA UKUBA OKUSNGQONGILEYO KUKHATHALELWE (iCandelo 28)
Bonke abantu mabakhathalele okusingqongileyo.
Nabani na omosha okusingqongileyo makathabathe imilinganiselo eqiqiweyo ukunciphisa nokulungisa loo monakalo, nokuba yayigunyaziswe ngumthetho.
Igosa elithembekileyo lokusingqongileyo lingayalela nokuba ngubani owonakalisa okusingqongileyo ukuthabatha imilinganiselo yokunyanga ngokungathi igosa elithembekileyo alikwazi ukwenza oko, naliphi na ilungu likawonke wonke lingasenza isicelo senkundla ukuqinisekisa umsebenzi wenkathalo.
UMISO LOMTHETHO UKUQINISEKISA IMITHETHO YOKUSINGQONGILEYO (iCandelo 32 no-33)
Nawuphi na umntu ovakalelwayo ngokhuselo lokusingqongileyo angasenza isicelo senkundla okanye asebenze njengomtshutshisi wobundlobongela ukuqinisekisa amalungelo nemithetho yokusingqongileyo, yaye umntu onjalo angaphinde azifumane iindleko zeenkqubo zenkundla.
Ukuba amalungelo akho omthetho awahlonitshwanga, unga?
ungamangala enkundleni khalaza kwiKhomishoni yaMalungelo oluNtu nakuMkhuseli kaWonke wonke ( ukuba urhulumente uthembekile), cela icebo kwicandelo leziKhalazo kwiSebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho, cela abasemagunyeni bakho ekuhlaleni bonyule umxolelanisi akhalaze emapoliseni, fowunela inombolo yasimahla engenagama neyimfihlo ehleli isitsho njalo yokusingqongileyo, 0800 116 110, okanye u-imeyile: environment@tip-offs.com.
